Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 19:3-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ezi zihlandlo zilishumi nindihlazile;Ànidanile, niyandikhwankqisa.

4. Khona ke ndithe okunene ndalahleka,Kuhleli nam ukulahleka kwam.

5. Ukuba okunene nithe nazikhulisa kum,Nandohlwaya ngengcikivo yam:

6. Yazini ngoko, ukuba nguThixo ondigobileyo,Wandirhawula ngomnatha wakhe.

7. Yabona, ndiyakhala, ndithi, Ndagonyamelwa! kungasatyelwa;Ndiyazibika, kungabikho kulungisa.

8. Úyibiyile indlela yam, akwabakho ukugqitha;Ezingqushwini zam wamisa ubumnyama.

9. Úndihlube uzuko lwam,Wasusa isithsaba sentloko yam.

10. Úndidilizile ngeenxa zonke, ndemka;Walincothula njengomthi ithemba lam.

11. Úwuvuthise ngakum umsindo wakhe,Wandibalela ekuthini ndingowababandezeli bakhe.

12. Zeza kunye izimpi zakhe,Zandifumbela indlela yazo,Zayizunguleza ngeenxa zonke intente yam.

13. Abazalwana bam úbasé kude kum,Abandaziyo sebengabasemzini kanye kum.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 19