Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 19:19-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ndilisikizi kumakholwane am,Nabendibathanda bandiguqukele.

20. Amathambo am atshele elùswini lwam nasenyameni yam;Ndisindé macebetshu.

21. Tarhuni, tarhuni, zihlobo zam;Kuba isandla sikaThixo sindiphethe.

22. Yini na ukuba nindisukele njengoThixo,Ninganeli yinyama yam?

23. Akwaba ngoku ebebhalwa amazwi am!Akwaba ebekrolwe encwadini!

24. Ngentlabo yesinyithi, atyhidwe ngelothe,Axholelwe eweni nanini!

25. Ke mna ndiyazi ukuba umhlawuleli wam uhleli;Engowokuphela, uya kusuka éme phezu kothuli lwehlabathi.

26. Emveni kokuba ulùsu lwam ludlavulwe lwanje,Ingasekho inyama yam, ndiya kumbona uThixo,

27. Endiya kuzibonela mna ngokwam;Amehlo am ambone, ingabi wumbi.Ziyaphelelwa izintso zam ngaphakathi kwam.

28. Ukuba nithi, Simsukela ngani na?Ingcambu yaloo nto ifunyenwe kum:

29. Nxunguphalani likrele;Kuba ubushushu, bubo ubugwenxa obufanele ikrele,Ukuze nazi ukuba kukho umgwebo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 19