Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 19:12-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Zeza kunye izimpi zakhe,Zandifumbela indlela yazo,Zayizunguleza ngeenxa zonke intente yam.

13. Abazalwana bam úbasé kude kum,Abandaziyo sebengabasemzini kanye kum.

14. Izalamane zam zindishiyile,Nabazana nam bandilibele.

15. Abahlala endlwini yam, nabakhonzazana bam,Bandibalele ekuthini ndingowasemzini,Ndingowolunye uhlanga emehlweni abo.

16. Ndibiza umkhonzi wam, angasabeli;Ndimbongoze ngomlomo wam.

17. Umoya wam umkruqule umkam;Ndiyanuka kubantwana besizalo esandizalayo.

18. Namakhwenkwe ayandicekisa;Ndakusuka, asuka athethe ngam.

19. Ndilisikizi kumakholwane am,Nabendibathanda bandiguqukele.

20. Amathambo am atshele elùswini lwam nasenyameni yam;Ndisindé macebetshu.

21. Tarhuni, tarhuni, zihlobo zam;Kuba isandla sikaThixo sindiphethe.

22. Yini na ukuba nindisukele njengoThixo,Ninganeli yinyama yam?

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 19