Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 19:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waphendula uYobhi, wathi,

2. Kunini na nisenza isingqala kumphefumlo wam,Nindityumza ngokuthetha?

3. Ezi zihlandlo zilishumi nindihlazile;Ànidanile, niyandikhwankqisa.

4. Khona ke ndithe okunene ndalahleka,Kuhleli nam ukulahleka kwam.

5. Ukuba okunene nithe nazikhulisa kum,Nandohlwaya ngengcikivo yam:

6. Yazini ngoko, ukuba nguThixo ondigobileyo,Wandirhawula ngomnatha wakhe.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 19