Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 19:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waphendula uYobhi, wathi,

2. Kunini na nisenza isingqala kumphefumlo wam,Nindityumza ngokuthetha?

3. Ezi zihlandlo zilishumi nindihlazile;Ànidanile, niyandikhwankqisa.

4. Khona ke ndithe okunene ndalahleka,Kuhleli nam ukulahleka kwam.

5. Ukuba okunene nithe nazikhulisa kum,Nandohlwaya ngengcikivo yam:

6. Yazini ngoko, ukuba nguThixo ondigobileyo,Wandirhawula ngomnatha wakhe.

7. Yabona, ndiyakhala, ndithi, Ndagonyamelwa! kungasatyelwa;Ndiyazibika, kungabikho kulungisa.

8. Úyibiyile indlela yam, akwabakho ukugqitha;Ezingqushwini zam wamisa ubumnyama.

9. Úndihlube uzuko lwam,Wasusa isithsaba sentloko yam.

10. Úndidilizile ngeenxa zonke, ndemka;Walincothula njengomthi ithemba lam.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 19