Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 18:2-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Kunini na nikuzingela ukuthetha?Qondani, sothetha emveni koku.

3. Yini na ukuba kuthiwe sinjengeenkomo,Sibe ziinqambi emehlweni akho?

4. Wena uziqwengayo ngomsindo wakho,Liya kushiywa ihlabathi ngenxa yakho, lingamiwa na?Likhwelèle iliwa endaweni yalo?

5. Noko nokukhanya oku kongendawo kuya kucinywa,Lingabi mhlophe ilangatye lomlilo wakhe.

6. Ukukhanya kuya kwenziwa mnyama ententeni yakhe,Nesibane sakhe sicinywe phezu kwakhe.

7. Ukunyantsula kwakhe kuya kuxinwa,Limphose phantsi kwaelakhe iqhinga.

8. Kuba uqhutyelwe emnatheni ziinyawo zakhe,Uhamba phezu kwesibatha.

9. Umgibe umbambisa ngesithende,Limbambise isango.

10. Lufihliwe emhlabeni ulutya lwakhe,Ukuthiwa hlasi kwakhe kusengqushwini.

11. Uyadandathekiswa ngeenxa zonke kukukhwankqisa,Kumbhebhethe, kuthane mbende naye.

12. Amandla akhe aya kuphela kukulamba,Ukusindeka kulungiselwe ukujingxela kwakhe.

13. Kudla iziqendu zolùsu lwakhe;Udla iziqendu zakhe owamazibulo wokufa.

14. Iyancothuka ententeni yakhe inkoloseko yakhe,Ahanjiselwe kukumkani wokukhwankqisa.

15. Kuhleli ententeni yakhe izinto zasemzini;Kugcwayelwa isulfure ekhayeni lakhe.

16. Ngaphantsi ziya koma iingcambu zakhe,Ngaphezulu abune amasebe akhe.

17. Isikhumbuzo sakhe siya kudaka ehlabathini,Angabi nagama nasemaphandleni.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 18