Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 18:16-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ngaphantsi ziya koma iingcambu zakhe,Ngaphezulu abune amasebe akhe.

17. Isikhumbuzo sakhe siya kudaka ehlabathini,Angabi nagama nasemaphandleni.

18. Baya kumtyhala ekukhanyeni, aye ebumnyameni,Aphekuzwe kwelimiweyo.

19. Akayi kuba nanyana nanzala ebantwini bakowabo,Kungabikho usindileyo emizini yakhe.

20. Bomangaliswa yimini yakhe abahleli entshonalanga,Nabasempumalanga babanjwe kukuba namanwele.

21. Inene, injalo iminquba yabanobugqwetha,Injalo indawo yongamaziyo uThixo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 18