Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 17:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Umoya wam wonakele, imihla yam icinyiwe,Into yam ngamangcwaba.

2. Inene ndiyinto abadlala ngayo,Neliso lam lilibéle ziinkani zabo.

3. Khawubeke into, undimele;Ngubani na yena oya kubambana nam ngesandla?

4. Ngokuba intliziyo yabo ùyifihlele ukuqiqa;Ngenxa yoko akuyi kubaphakamisa.

5. Unikela abahlobo ukuba babe ngamaxhoba,Amehlo abantwana bakhe aze aphelelwe.

6. Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni;Ndaba ngotshicelwa ebusweni.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 17