Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 15:7-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Nguwe na owazalwa kuqala, waba ngumntu?Waveliswa ngenimba ngaphambi kweenduli?

8. Wawukho na egquguleni likaThixo?Wabutsalela kuwe na ubulumko obo?

9. Wazi ntoni na, esingayaziyo thina?Uqondé ntoni na, engekhoyo nathi kuthi?

10. Kunje thina siziingwevu namaxhego,Amadala nakuyihlo ngokuzalwa.

11. Zincinane na kuwe iintuthuzelo zikaThixo,Nelizwi elithethe kuhle nawe?

12. Imka nantoni na intliziyo yakho?Aphanyazela ntoni na emehlo akho,

13. Le nto ukuguqulela kuThixo ukufutha kwakho,Ukhuphe ukuthetha emlonyeni wakho?

14. Uyintoni na umntu, ukuba aqaqambe?Abe lilungisa ozelwe ngumfazi?

15. Yabona, nabangcwele bakhe àkakholwa ngabo,Nezulu àliqaqambile emehlweni akhe.

16. Úbeke phi na olisikizi, oyimbozisa;Umntu lo, usela ubugqwetha njengamanzi?

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 15