Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 15:5-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ngokuba ubugwenxa bakho bufundisa umlomo wakho,Unyulé ulwimi lwabanobuqhophololo.

6. Ngumlomo wakho okugwebayo, asindim;Ngumlomo wakho okuphendulayo.

7. Nguwe na owazalwa kuqala, waba ngumntu?Waveliswa ngenimba ngaphambi kweenduli?

8. Wawukho na egquguleni likaThixo?Wabutsalela kuwe na ubulumko obo?

9. Wazi ntoni na, esingayaziyo thina?Uqondé ntoni na, engekhoyo nathi kuthi?

10. Kunje thina siziingwevu namaxhego,Amadala nakuyihlo ngokuzalwa.

11. Zincinane na kuwe iintuthuzelo zikaThixo,Nelizwi elithethe kuhle nawe?

12. Imka nantoni na intliziyo yakho?Aphanyazela ntoni na emehlo akho,

13. Le nto ukuguqulela kuThixo ukufutha kwakho,Ukhuphe ukuthetha emlonyeni wakho?

14. Uyintoni na umntu, ukuba aqaqambe?Abe lilungisa ozelwe ngumfazi?

15. Yabona, nabangcwele bakhe àkakholwa ngabo,Nezulu àliqaqambile emehlweni akhe.

16. Úbeke phi na olisikizi, oyimbozisa;Umntu lo, usela ubugqwetha njengamanzi?

17. Ndokuxelela, ndiphulaphule;Endikubonileyo ndikubalisele;

18. Okwaxelwa zizilumko,Kuvela kooyise, zaza azakufihla.

19. Lanikwa zona zodwa ilizwe,Akwangena wasemzini phakathi kwazo.

20. Yonke imihla yakhe, ongendawo uyazibhijabhija;Inani leminyaka liqwetyelwe ingqwangangqwili.

21. Kumi ilizwi lokunkwantyisa ezindlebeni zakhe,Eluxolweni úyamfikela umbhuqi.

22. Akakholwa ukuba uya kubuya emnyameni;Ke yena uqwetyelwe ikrele.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 15