Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 14:8-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ukuba ithe yaba ndala ingcambu yawo emhlabeni,Safa isibili sawo eluthulini:

9. Ngevumba lamanzi wódubula,Wenze amasebe njengesithodlana.

10. Ke yena umfo ufa angquleke;Umntu uphuma umphefumlo; abe phi na ke?

11. Amanzi aselwandle ayemka;Umlambo uyatsha, wome:

12. Umntu ulala phantsi ke, angavuki;Lide izulu lingabikho, bangàqabuki,Bangàvuswa ebuthongweni babo.

13. Akwaba ubungandigushayo kwelabafileyo,Undisithelise ude ubuye umsindo wakho;Undimisele umda, undikhumbule ke!

14. Ukuba úthe umfo wafa, wóphila na?Yonke imihla yokuphuma kwam umkhosi, bendinga ndingalinda,Kude kufike ukukhululwa kwam.

15. Ubungábizayo ke, ndisabele mna,Uwulangazèle umsebenzi wezandla zakho.

16. Kuba ngoku uyawabala amabanga am,Àkuzigcinile ngenxa yesono sam.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 14