Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 14:11-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Amanzi aselwandle ayemka;Umlambo uyatsha, wome:

12. Umntu ulala phantsi ke, angavuki;Lide izulu lingabikho, bangàqabuki,Bangàvuswa ebuthongweni babo.

13. Akwaba ubungandigushayo kwelabafileyo,Undisithelise ude ubuye umsindo wakho;Undimisele umda, undikhumbule ke!

14. Ukuba úthe umfo wafa, wóphila na?Yonke imihla yokuphuma kwam umkhosi, bendinga ndingalinda,Kude kufike ukukhululwa kwam.

15. Ubungábizayo ke, ndisabele mna,Uwulangazèle umsebenzi wezandla zakho.

16. Kuba ngoku uyawabala amabanga am,Àkuzigcinile ngenxa yesono sam.

17. Sitywiniwe savingcelwa engxoweni isikreqo sam;Wahlomela ebugwenxeni bam.

18. Kodwa intaba, isíwa, iyagubeka;Iliwa liyashenxa endaweni yalo;

19. Amanzi ayawadla amatye;Iziphango zawo ziyalukhukulisa uthuli lomhlaba;Ithemba lomntu ùyalidakisa ke.

20. Ùthi gaga phezu kwakhe kuphele, emke;Uguqula ubuso bakhe, umgxothe.

21. Bayazuka abantwana bakhe, angazi yena;Baba ziimbedlenge, angagqali yena.

22. Kuye yedwa ibuhlungu inyama yakhe,Umphefumlo wakhe uyalila ngaphakathi.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 14