Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 13:20-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Kodwa izinto ezimbini musa ukuzenza kum,Ndize ndingazisithelisi ebusweni bakho:

21. Isandla sakho síse kude kum,Nesothuso sakho singandidandathekisi.

22. Biza ke, ndisabele mna;Mhlawumbi ndithethe, undiphendule.

23. Zingaphi na izenzo ezigwenxa, nezono zam?Ndázise isikreqo sam, nesono sam.

24. Yini na ukuba ubusithelise ubuso bakho,Ubè ndilutshaba kuwe?

25. Ùya kungcangcazelisa ugxothe igqabi eliphetshethwayo na,Usukele umququ owomileyo na?

26. Ngokuba uzibhalela kum izinto ezikrakra,Undidlisa ilifa lezenzo ezigwenxa zobutsha bam;

27. Uzifaka esitokisini* iinyawo zam,Uwugqala wonke umendo wam;Uzikrwelela umda ojikelezayo izithende zeenyawo zam:

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 13