Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 13:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yabona, konke oko likubonile iliso lam,Yakúva indlebe yam, yakúqonda.

2. Njengoko nazi ngako, ndiyazi nam;Andiwi nganeno kwenu.

3. Kodwa mna ndinga ndingathetha kuSomandla,Ndifuna ukuzihlamba kuThixo.

4. Kodwa ke nina ningabadyobha ngobuxoki,Ningamagqirha angento nonke niphela.

5. Anaba benithe tu kanye;Nibe niya kuba nilumkile.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 13