Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 13:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yabona, konke oko likubonile iliso lam,Yakúva indlebe yam, yakúqonda.

2. Njengoko nazi ngako, ndiyazi nam;Andiwi nganeno kwenu.

3. Kodwa mna ndinga ndingathetha kuSomandla,Ndifuna ukuzihlamba kuThixo.

4. Kodwa ke nina ningabadyobha ngobuxoki,Ningamagqirha angento nonke niphela.

5. Anaba benithe tu kanye;Nibe niya kuba nilumkile.

6. Khaniphulaphule ke ukuzihlamba kwam,Ukuphika komlomo wam nikubazele indlebe.

7. UThixo niya kumthethelela ngobugqwetha na,Nimthethelele ngenkohliso na?

8. Niya kumnonelela na,Niphikele uThixo na?

9. Kólunga na xa athe wanigocagoca?Ninokumgculela na, njengokuba enokugculelwa umntu?

10. Wonohlwaya inene,Ukuba nithe ngasese nanonelela umntu.

11. Ubungangamela bakhe abuyi kunidandathekisa na,Kuniwele ukunkwantyisa kwakhe?

12. Izikhumbuzo zenu yimizekeliso yothuthu;Iingqolo zenu zoba ziingqolo zodaka.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 13