Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 12:8-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Thetha nomhlaba, wókuyala;Zókubalisela neentlanzi zolwandle.

9. Ngubani na ongaziyo ngezo zinto zonke,Ukuba sisandla sikaYehova esikwenzileyo oko?

10. Usesandleni sakhe umphefumlo wezinto zonke eziphilileyo,Nomoya wenyama yonke eyiyeyomntu.

11. Indlebe ayiyi kukucikida na ukuthetha,Nekhuhlangubo likuve ukudla?

12. Emaxhegweni kusebulumkweni,Ebudeni bemihla kusengqondweni.

13. Bukuye ubulumko nobugorha,Lelakhe icebo nengqondo.

14. Yabona, úgungxula, kungàkhiwa.Uyamvalela umntu, kungàvulwa,

15. Yabona, úyawavala amanzi, atshe;Uyawavulela, aliphethule ilizwe.

16. Anaye amandla nozimaso;Ngowakhe odungudelayo nodungudelisayo.

17. Umkisa amaphakathi ebhunyulwe,Abagezise nabagwebi.

18. Ukhulula imbophelelo yookumkani,Abophe umbhinqo emanqeni abo.

19. Umkisa ababingeleli bebhunyulwe,Abazizimakade abaphenule.

20. Ususa intetho kwabanyanisekileyo,Ayithabathe imvo kumadoda amakhulu.

21. Uphalazela amanene ngendelo,Acombulule uqhwemesha lwabaziingqwemla.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 12