Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 12:1-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waphendula uYobhi, wathi,

2. Kambe, níni abantu;Buya kufa nani ubulumko.

3. Nam ke ndinentliziyo njengani;Andiwi nganeno kwenu.Ngubani na ongazaziyo izinto ezinjalo?

4. Ndiyintlekisa kummelwane mna,Endibe ndingonqula uThixo, andiphendule;Úyintlekisa olilungisa, ogqibeleleyo.

5. Onelishwa yinto yokudelwa ngokwamabhongo abonwabileyo;Kulungiselwe abanyawo zikhubekayo.

6. Kukho ukuchulumacha ezintenteni zababhuqi;Bakholosile abamqumbisayo uThixo,Abafumbatha uThixo esandleni sabo.

7. Kodwa khawubuze ezinkomeni, zókuyala;Nasezintakeni zezulu, zókuxelela;

8. Thetha nomhlaba, wókuyala;Zókubalisela neentlanzi zolwandle.

9. Ngubani na ongaziyo ngezo zinto zonke,Ukuba sisandla sikaYehova esikwenzileyo oko?

10. Usesandleni sakhe umphefumlo wezinto zonke eziphilileyo,Nomoya wenyama yonke eyiyeyomntu.

11. Indlebe ayiyi kukucikida na ukuthetha,Nekhuhlangubo likuve ukudla?

12. Emaxhegweni kusebulumkweni,Ebudeni bemihla kusengqondweni.

13. Bukuye ubulumko nobugorha,Lelakhe icebo nengqondo.

14. Yabona, úgungxula, kungàkhiwa.Uyamvalela umntu, kungàvulwa,

15. Yabona, úyawavala amanzi, atshe;Uyawavulela, aliphethule ilizwe.

16. Anaye amandla nozimaso;Ngowakhe odungudelayo nodungudelisayo.

17. Umkisa amaphakathi ebhunyulwe,Abagezise nabagwebi.

18. Ukhulula imbophelelo yookumkani,Abophe umbhinqo emanqeni abo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 12