Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 11:10-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ukuba úthe phe yena, wavingcela,Wamemela ematyaleni, ngubani na onokumnqanda?

11. Kuba yena uyabazi abantu abakhohlakeleyo,Uyabubona ubutshinga engaqondelanga.

12. Nomntu onjengesidenge angaba nokuqonda,Nethole le-esile lasendle lingaba nokuzalwa lingumntu.

13. Ukuba uthe wena wabhekisa intliziyo yakho kuye,Wazolulela izandla zakho kuye:

14. Ukuba kuthe kwakho inkohlakalo esandleni sakho, yise kude,Ungabuhlalisi ubugqwetha ezintenteni zakho;

15. Okunene, ùya kwandula ukubuphakamisa ubuso bakho bungenasisihla,Uthi bhuxe, ungoyiki.

16. Kuba wòkulibala ukwaphuka kwakho,Ukukhumbule njengamanzi adluleyo;

17. Ukudla kwakho ubomi kuvuke, kuqaqambe ngaphezu kwemini enkulu;Nakuba kusongelwe emnyameni, kokhanya njengokusa.

18. Wòkholosa, ngokuba sekukho ithemba,Uhlole, ulale phantsi enkolosekweni;

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 11