Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 11:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wasusela uTsofare waseNahama, wathi,

2. Le nto ininzi yamazwi ayikuphendulwa na,Indoda elipholopholo igwetyelwe na?

3. Ukuphololoza kwakho kuya kubetha athi tu na amadoda,Ukuba ugculele, kungabikho ukuhlazayo?

4. Ùthi, Iqaqambile imfundiso yam,Ndinyulu emehlweni akho.

5. Kodwa akaba uThixo ubethetha,Avule umlomo wakhe kuwe;

6. Akuxelele iimfihlakalo zobulumko,Ukuba buphindeke kabini, bayinto ezimasekileyo;Ùbuya kwazi ke ukuba uThixo wenzé ukuba ubulibale ubugwenxa bakho.

7. Ùnokufikelela na ezingontsingontsini zikaThixo?Unokufikelela na ekufezekeni kukaSomandla?

8. Kuphakame ngokwamazulu; ùnokwenza ntoni na?Kunzulu kunelabafileyo; ùnokwazi ntoni na?

9. Kukude kunehlabathi ukulinganiswa kwako,Kubanzi kunolwandle.

10. Ukuba úthe phe yena, wavingcela,Wamemela ematyaleni, ngubani na onokumnqanda?

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 11