6. Ukuba nje ubufune ubugwenxa bam,Usingxoke isono sam,
7. Usazi nje ukuba andingongendawo,Nokuba akukho unokuhlangula esandleni sakho?
8. Izandla zakho zindiyilile, zandenzaNdonke, ngeenxa zonke; ùyandiginya noko.
9. Khawukhumbule, ukuba undenzé ngokodongwe;Ke undibuyisa undise eluthulini!
10. Akundithululanga na njengamasi,Wandivuthisa njengengqaka?
11. Wandambesa ngolùsu nenyama,Wandiphingela ngamathambo nemisipha.
12. Ùndenzele ubomi nenceba,Nokuvelela kwakho kwawugcina umoya wam.