Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 10:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Umphefumlo wam udimele bubomi bam;Ngoko ndiya kuyivulela inkalazo yam phakathi kwam;Ndithèthe, úkrakra umphefumlo wam;

2. Ndíthi kuThixo, Musa ukundigweba;Ndazíse ukuba ubambene nam ngani na?

3. Kulungile na kuwe ukuba ucudise,Ukuba ucekise ukuxelenga kwezandla zakho,Ulibengezelele iqhinga labangendawo?

4. Ùnamehlo enyama na?Ùbona ngokubona komntu na?

5. Injengemihla yomntu na imihla yakho,Iminyaka yakho injengemihla yomfo na;

6. Ukuba nje ubufune ubugwenxa bam,Usingxoke isono sam,

7. Usazi nje ukuba andingongendawo,Nokuba akukho unokuhlangula esandleni sakho?

8. Izandla zakho zindiyilile, zandenzaNdonke, ngeenxa zonke; ùyandiginya noko.

9. Khawukhumbule, ukuba undenzé ngokodongwe;Ke undibuyisa undise eluthulini!

10. Akundithululanga na njengamasi,Wandivuthisa njengengqaka?

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 10