Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 1:13-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakhe neentombi zakhe babesidla, besela iwayini, endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu.

14. Kweza umthunywa kuYobhi, wathi, Iinkomo bezilima, namaesile ebesidla ecaleni lazo;

15. agaleleka amaShebha, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele, kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.

16. Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Umlilo kaThixo uwe ezulwini, wayitshisa impahla emfutshane nabafana, wabadla; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.

17. Esathetha lo, kwafika omnye wathi, AmaKaledi amisa amaqela amathathu azingenela iinkamela, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.

18. Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Oonyana bakho neentombi zakho babesidla, besela iwayini endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu;

19. nanko kuvela umoya omkhulu ngasentlango, wabetha ezimbombeni zoné zendlu, yabawela abafana abo, bafa; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.

20. Wesuka uYobhi, wayikrazula ingubo yakhe yokwaleka, wayicheba intloko yakhe, wawa emhlabeni, waqubuda.

21. Wathi, Ndaphuma ndize esizalweni sikama, ndiya kubuyela khona ndikwazé: uYehova wanika, ikwanguYehova othabathileyo; igama likaYehova malibongwe.

22. Kuko konke oko akonanga uYobhi, akamsola nokumsola uThixo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 1