Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 1:12-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Wathi uYehova kuSathana, Yabona, konke anako kusesandleni sakho; ke kuye ngokwakhe musa ukusa sandla sakho. Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova.

13. Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakhe neentombi zakhe babesidla, besela iwayini, endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu.

14. Kweza umthunywa kuYobhi, wathi, Iinkomo bezilima, namaesile ebesidla ecaleni lazo;

15. agaleleka amaShebha, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele, kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.

16. Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Umlilo kaThixo uwe ezulwini, wayitshisa impahla emfutshane nabafana, wabadla; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.

17. Esathetha lo, kwafika omnye wathi, AmaKaledi amisa amaqela amathathu azingenela iinkamela, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.

18. Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Oonyana bakho neentombi zakho babesidla, besela iwayini endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu;

19. nanko kuvela umoya omkhulu ngasentlango, wabetha ezimbombeni zoné zendlu, yabawela abafana abo, bafa; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.

20. Wesuka uYobhi, wayikrazula ingubo yakhe yokwaleka, wayicheba intloko yakhe, wawa emhlabeni, waqubuda.

21. Wathi, Ndaphuma ndize esizalweni sikama, ndiya kubuyela khona ndikwazé: uYehova wanika, ikwanguYehova othabathileyo; igama likaYehova malibongwe.

22. Kuko konke oko akonanga uYobhi, akamsola nokumsola uThixo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 1