Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobhi 1:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwabe kukho indoda ezweni lakwaUtse, egama libe linguYobhi. Yaye loo ndoda igqibelele, ithe tye, imoyika uThixo, ityeka ebubini.

2. Yazalelwa oonyana abasixhenxe neentombi ezintathu.

3. Imfuyo yayo yayingamawaka asixhenxe empahla emfutshane, namawaka amathathu eenkamela, namakhulu amahlanu ezibini zeenkomo, namakhulu amahlanu eemazi zamaesile, nabakhonzi abaninzi kunene; yaba nkulu ke loo ndoda kubo bonke oonyana belasempumalanga.

4. Oonyana bakhe babeqhele ukuya kwenza isidlo endlwini yalowo ibiyimini yakhe; bathumele bameme oodade babo bobathathu, ukuba badle basele nabo.

5. Kwathi, yakuba izungulezile imihla yesidlo, wathumela uYobhi, wabangcwalisa, wavuka kusasa, wanyusa amadini anyukayo ngokwenani labo bonke bephela; kuba uYobhi ebesithi, Mhlawumbi oonyana bam bangaba bonile, bamlahla uThixo entliziyweni yabo. Ubesenjenjalo ke uYobhi loo mihla yonke.

6. Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova, weza noSathana* phakathi kwabo.

funda isahluko epheleleyo Uyobhi 1