Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 9:6-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ukuhlala kwakho kuphakathi kwenkohliso; ngenkohliso àbavumi ukundazi; utsho uYehova.

7. Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabona, ndiya kubanyibilikisa, ndibacikide; ngokuba ndingáthini na ngenxa yentombi yabantu bam?

8. Lutolo olubulalayo ulwimi lwabo; bathetha inkohliso; omnye uthetha uxolo ngomlomo wakhe kummelwane wakhe, ukanti embilinini wakhe umlalele.

9. Mandingabavèleli na ke ngenxa yezo zinto? utsho uYehova; úngaziphindezeli na umphefumlo wam kuhlanga olunje?

10. Ngenxa yeentaba ndibeka isililo nesimema, nangenxa yamakriwa entlango ndibeka isimbonono; ngokuba afakwé isikhuni, akwabakho bani ugqithayo kuwo, àlavakala izwi lemfuyo; kuthabathela ezintakeni zezulu lwesa ezilweni, kusatyiwe, kwemkiwa.

11. Ndiyenzé iYerusalem yangumwewe, yazizikhundla zeempungutye; ndiyenzé imizi yakwaYuda yangamanxuwa, ayaba nammi.

12. Ngubani na indoda elumkileyo, ikuqonde oku? othethileyo kuyo umlomo kaYehova, ikuxele? Kungenxa yani na ukuba ilizwe litshabalale, lifakwe isikhuni njengentlango, kungabikho bani ugqitha kulo?

13. Wathi uYehova, Kungenxa enokuba bewushiyile umyalelo wam, endawubeka phambi kwabo, àbaliphulaphula ilizwi lam, àbahamba ngawo.

14. Balandela ubungqola bentliziyo yabo, balandela ooBhahali,* into abayifundiswa ngooyise.

15. Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndiya kubadlisa aba bantu umhlonyane, ndibaseze inyongo;

16. ndibaphangalalise phakathi kweentlanga, ababengazazi bona nooyise; ndilithumele ikrele emva kwabo, ndide ndibaphelise.

17. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Gqalani, nibize iintokazi ezenza isimbonono, zize, nithumele kwezilumkileyo, zize;

18. zingxame, ziphimisele phezu kwethu isimema; ehle iinyembezi amehlo ethu, zityityizele amanzi iinkophe zethu.

19. Ngokuba ilizwi lesimema livakala liphuma eZiyon, lisithi, Hayi, ukubhuqeka kwethu! Sidané kakhulu, kuba silishiyile ilizwe, kuba bewakhahlele phantsi amakhaya ethu.

20. Noko ke liveni, zintokazi, ilizwi likaYehova, indlebe yenu ilamkele ilizwi lomlomo wakhe, nizifundise iintombi zenu isimema, omnye afundise ummelwane wakhe isimbonono.

21. Ngokuba kunyukile ukufa ngeefestile zethu; kungene ezingxandeni zethu ezinde, ukuba kunqumle abantwana ezitratweni, amadodana endaweni yembutho.

22. Thetha uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ziya kuwa ke izidumbu zabantu, njengomgquba phezu kwentsimi, nanjengesinde emva komvuni, kungabikho ubahlanganisayo.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 9