Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 9:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ayaba intloko yam ibingamanzi, amehlo am aba lithende leenyembezi; bendiya kubalilela imini nobusuku ababuleweyo bentombi yabantu bakowethu!

2. Akwaba bendinendawo yokulalisa kwabahambi entlango; bendiya kubashiya abantu bakowethu, ndimke kubo! Ngokuba bonke ngabakrexezi, yingqungquthela yamanginingini.

3. Bayalutyeda ulwimi lwabo ngobuxoki njengesaphetha; àbaphathi ngokuthembeka ezweni; baphuma entweni embi, bangene entweni embi, babe mna ke bengandazi; utsho uYehova.

4. Elowo makamlumkele ummelwane wakhe, ningakholosi nangomzalwana; ngokuba wonke umzalwana wenza ubuqhinga, wonke ummelwane uhamba ehleba.

5. Elowo uyamkhohlisa ummelwane wakhe, abathethi nyaniso; bafundisa ulwimi lwabo ukuthetha ubuxoki, bazidìnise ngokwenza okugwenxa.

6. Ukuhlala kwakho kuphakathi kwenkohliso; ngenkohliso àbavumi ukundazi; utsho uYehova.

7. Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabona, ndiya kubanyibilikisa, ndibacikide; ngokuba ndingáthini na ngenxa yentombi yabantu bam?

8. Lutolo olubulalayo ulwimi lwabo; bathetha inkohliso; omnye uthetha uxolo ngomlomo wakhe kummelwane wakhe, ukanti embilinini wakhe umlalele.

9. Mandingabavèleli na ke ngenxa yezo zinto? utsho uYehova; úngaziphindezeli na umphefumlo wam kuhlanga olunje?

10. Ngenxa yeentaba ndibeka isililo nesimema, nangenxa yamakriwa entlango ndibeka isimbonono; ngokuba afakwé isikhuni, akwabakho bani ugqithayo kuwo, àlavakala izwi lemfuyo; kuthabathela ezintakeni zezulu lwesa ezilweni, kusatyiwe, kwemkiwa.

11. Ndiyenzé iYerusalem yangumwewe, yazizikhundla zeempungutye; ndiyenzé imizi yakwaYuda yangamanxuwa, ayaba nammi.

12. Ngubani na indoda elumkileyo, ikuqonde oku? othethileyo kuyo umlomo kaYehova, ikuxele? Kungenxa yani na ukuba ilizwe litshabalale, lifakwe isikhuni njengentlango, kungabikho bani ugqitha kulo?

13. Wathi uYehova, Kungenxa enokuba bewushiyile umyalelo wam, endawubeka phambi kwabo, àbaliphulaphula ilizwi lam, àbahamba ngawo.

14. Balandela ubungqola bentliziyo yabo, balandela ooBhahali,* into abayifundiswa ngooyise.

15. Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndiya kubadlisa aba bantu umhlonyane, ndibaseze inyongo;

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 9