Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 8:18-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Uyé phi na umthuthuzeli wam esingqaleni? Inobulwelwe kum intliziyo yam.

19. Nalo ilizwi lokuzibika kwentombi yabantu bakowethu, livela ezweni elikude, lisithi, UYehova akakho na eZiyon? akakho na kuyo ukumkani wayo? Kungathuba lini na ukuba bandiqumbise ngemifanekiso yabo eqingqiweyo, ngeento ezingento zolunye uhlanga?

20. Ukuvuna kudlule, ihlobo liphelile, thina ke asikasindiswa.

21. Ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu, ndaphukile; ndinezimnyama zokuzila, ndibanjwe kukumangaliswa.

22. Akukho mafutha aqholiweyo na eGiliyadi? Akukho gqirha na khona? Kutheni na ke ukuba kungàbotshwa ukwaphuka kwentombi yabantu bakowethu?

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 8