Livakala livela kwaDan ithatha lamahashe abo; ngezwi lokukhonya kweembalasane zamahashe abo liyanyikima ilizwe lonke. Bayeza, bayalidla ilizwe nenzaliseko yalo, umzi nabemi bawo.