Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 8:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngelo xesha, utsho uYehova, aya kukhutshwa emangcwabeni abo amathambo ookumkani bakwaYuda, namathambo abathetheli bakhe, namathambo ababingeleli, namathambo abaprofeti, namathambo abemi baseYerusalem;

2. anekwe elangeni, nasenyangeni, nasemkhosini wonke wezulu, izinto ezo ababezithanda, ababezikhonza, ababezilandela, ababequqela kuzo, ababequbuda kuzo; akayi kuhlanganiswa, akayi kungcwatywa, aya kuba ngumgquba phezu kobuso bomhlaba.

3. Konyulwa ukufa phezu kobomi ngamasalela onke aseleyo kule mizalwane ineento ezimbi, ezindaweni zonke endiwagxothele kuzo amasalela; utsho uYehova wemikhosi.

4. Yithi ke kubo, Utsho uYehova ukuthi, Baya kuwa, bangavuki na? Úya kuphamba, angabuyi na umntu?

5. Kungathuba lini na ukuba aba bantu baseYerusalem baphambe ngokuphamba okungunaphakade? Babambelela engohlisweni, bengavumi ukubuya.

6. Ndabaza indlebe, ndeva, báthetha into engeyiyo; akukho bani uzohlwayayo ngeento zakhe ezimbi, athi, Yintoni na le ndiyenzileyo? Bonke bephela babuyela ekugidimeni kwabo, njengehashe lifunzela emfazweni.

7. Kanti nengwamza ezulwini iyawazi amaxesha ayo amisiweyo; nehobe nehlankomo nendwe ziligcinile ixesha lokufika kwazo; ke bona abantu bam abalazi isiko likaYehova.

8. Ningáthini na ukuthi, Sizizilumko, umyalelo kaYehova unathi? Yabonani, okwenene usiba lwababhali olubuxoki luwenze wabubuxoki.

9. Zidanile izilumko, ziqhiphuke umbilini, zibanjisiwe; yabona, ziyalicekisa ilizwi likaYehova; zinobulumko bukabani na ke?

10. Ngako oko abafazi babo ndiya kubanikela kubambi, namasimi abo ndiwanikele kwabawahluthayo; ngokuba, bethabathela komncinane besa komkhulu, bonke bephela babáwa bebawile; bethabathela kumprofeti besa kumbingeleli, bonke bephela benza ngobuxoki.

11. Bakuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Lúxolo, luxolo; kungekho luxolo.

12. Baya kudaniswa, ngokuba benzé amasikizi; noko ke abadani nokudana, abakwazi ukuba neentloni; ngako oko baya kuwa phakathi kwabawàyo, ngexesha lokubavelela kwam baya kukhubeka; utsho uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 8