Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 7:25-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Kususela kwalaa mini baphuma ngayo ooyihlo ezweni lamaYiputa unanamhla, ndábathumela kuni bonke abakhonzi bam, abaprofeti, ndibathuma imihla ngemihla kwakusasa;

26. ke àbaphulaphula kum, àbayithoba indlebe yabo; bayenza lukhuni intamo yabo, benza okubi kunooyise.

27. Ke ùya kuwathetha kubo la mazwi onke, abayi kukuphulaphula; umemeza kubo, abayi kusabela.

28. Ke yithi kubo, Lulo olu uhlanga olungaliphulaphuliyo ilizwi likaYehova uThixo walo, olungayivumiyo intethiso. Kuphelile ukuthembeka, kunqumkile emlonyeni wabo.

29. Nqumla isithsaba sakho, Yerusalem, usilahle, umise isimbonono eluqayini; ngokuba uYehova usicekisile, usincamile isizukulwana sokuphuphuma kwakhe umsindo.

30. Ngokuba oonyana bakaYuda benzé into embi emehlweni am, utsho uYehova; babeke izinto zabo ezinezothe endlwini elibizelwa phezu kwayo igama lam, ukuze bayenze inqambi.

31. Bakhé izigánga zaseTofete,* ezisemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze batshise oonyana babo neentombi zabo ngomlilo; into endingabawiselanga mthetho ngayo, engathanga qatha entliziyweni yam.

32. Ngako oko, yabona, iyeza imihla, utsho uYehova, abangasayi kuba sathi yiTofete, ngumfula wakwaBhen-hinom; baya kuthi nguMfula wokuBulala, bangcwabele eTofete ngenxa enokuba kungekho ndawo.

33. Izidumbu zaba bantu ziya kuba kukudla kweentaka zasendle nokwezilo zelizwe, kungabikho bani uziphekuzayo.

34. Ndiya kuliphezisa emizini yakwaYuda nasezitratweni zaseYerusalem izwi lemihlali nezwi lemivuyo, izwi lomyeni nezwi lomtshakazi; ngokuba liya kubharha ilizwe.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 7