Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 7:11-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Yaba ngumqolomba wezihange na emehlweni enu le ndlu ibizwa ngegama lam? Yabonani, mna lo ndibonile; utsho uYehova.

12. Ngokuba khaniye endaweni yam ebiseShilo, apho ndalibeka khona igama lam ekuqaleni, nibone endakwenzayo kuyo, ngenxa yezinto ezimbi zabantu bam amaSirayeli.

13. Kaloku ke, ngokokuba nizenzile ezi zenzo zonke, utsho uYehova, ndathetha kuni, ndithetha kwakusa ningeva, ndinibiza ningasabeli:

14. Ndokwenza kule ndlu, ibizwa ngegama lam, nikholosa ngayo, nakule ndawo ndaninika yona nina nooyihlo, njengoko ndakwenzayo kwiShilo.

15. Ndiya kunigxotha nisuke ebusweni bam, njengoko ndabagxothayo abazalwana benu bonke, imbewu yonke yakwaEfrayim.

16. Wena ke, musa ukubathandazela aba bantu, ungaphimiseli kuhlahlamba nakuthandaza ngenxa yabo, ungandizami, ngokuba andiyi kukuphulaphula.

17. Akuboni na abakwenzayo emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem?

18. Oonyana batheza iinkuni, ooyise baphemba umlilo, abafazi baxovula intlama, ukuba enzelwe izonkana ukumkanikazi wezulu; bathululèle thixo bambi umnikelo othululwayo, ukuze bandiqumbise.

19. Baqumbisa mna na, utsho uYehova; àbaziqumbisi bona na, ukuze budane ubuso babo?

20. Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, umsindo wam nobushushu bam buya kuphalazelwa phezu kwale ndawo, phezu kwabantu, naphezu kweenkomo, naphezu kwemithi yasendle, naphezu kweziqhamo zomhlaba, buvuthe bungacimi.

21. Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yongezani amadini enu anyukayo emibingelelweni yenu, nidle inyama.

22. Ngokuba andithethanga nooyihlo, andibawiselanga methetho ngeendawo zamadini anyukayo nemibingelelo, mini ndabakhuphayo ezweni lamaYiputa;

23. ke ndabamisela eli lizwi lokuthi, Phulaphulani ilizwi lam: ndoba nguThixo wenu, nibe ngabantu bam, nihambe ngendlela yonke endinimiselayo, ukuze kulunge kuni.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 7