Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 7:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ilizwi elafikayo kuYeremiya lalisithi,

2. Yima esangweni lendlu kaYehova, umemeze khona eli lizwi, uthi, Liveni ilizwi likaYehova, nonke maYuda angénayo ngala masango, ukuba nimnqule uYehova.

3. Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Zilungiseni iindlela zenu nezenzo zenu, ukuze ndinibeke kule ndawo.

4. Musani ukukholosa ngamazwi obuxoki, okuthi, Yitempile kaYehova, yitempile kaYehova, yitempile kaYehova yona leyo.

5. Okanye ukuba nithe nazilungisa nizilungisa iindlela zenu nezenzo zenu; ukuba nithe nakwenza nikwenza okusesikweni phakathi komntu nommelwane wakhe;

6. ànamcudisa owasemzini, nenkedama, nomhlolokazi, ànaliphalaza igazi elimsulwa kule ndawo, ànalandela thixo bambi, ukuba kube kubi kuni;

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 7