Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 7:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ilizwi elafikayo kuYeremiya lalisithi,

2. Yima esangweni lendlu kaYehova, umemeze khona eli lizwi, uthi, Liveni ilizwi likaYehova, nonke maYuda angénayo ngala masango, ukuba nimnqule uYehova.

3. Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Zilungiseni iindlela zenu nezenzo zenu, ukuze ndinibeke kule ndawo.

4. Musani ukukholosa ngamazwi obuxoki, okuthi, Yitempile kaYehova, yitempile kaYehova, yitempile kaYehova yona leyo.

5. Okanye ukuba nithe nazilungisa nizilungisa iindlela zenu nezenzo zenu; ukuba nithe nakwenza nikwenza okusesikweni phakathi komntu nommelwane wakhe;

6. ànamcudisa owasemzini, nenkedama, nomhlolokazi, ànaliphalaza igazi elimsulwa kule ndawo, ànalandela thixo bambi, ukuba kube kubi kuni;

7. ndonibeka kule ndawo, ezweni endalinika ooyihlo, kwasephakadeni kuse ephakadeni.

8. Yabonani, nikholosa ngamazwi obuxoki angancediyo.

9. Yini? Niyeba, nincinithe, nikrexeze, nifunge ngobuxoki, niqhumisele kuBhahali,* nilandele thixo bambi eningabaziyo;

10. nize ke nime phambi kwam kule ndlu, ibizwa ngegama lam, nithi, Sihlangulwe; ukuze nenze la masikizi onke?

11. Yaba ngumqolomba wezihange na emehlweni enu le ndlu ibizwa ngegama lam? Yabonani, mna lo ndibonile; utsho uYehova.

12. Ngokuba khaniye endaweni yam ebiseShilo, apho ndalibeka khona igama lam ekuqaleni, nibone endakwenzayo kuyo, ngenxa yezinto ezimbi zabantu bam amaSirayeli.

13. Kaloku ke, ngokokuba nizenzile ezi zenzo zonke, utsho uYehova, ndathetha kuni, ndithetha kwakusa ningeva, ndinibiza ningasabeli:

14. Ndokwenza kule ndlu, ibizwa ngegama lam, nikholosa ngayo, nakule ndawo ndaninika yona nina nooyihlo, njengoko ndakwenzayo kwiShilo.

15. Ndiya kunigxotha nisuke ebusweni bam, njengoko ndabagxothayo abazalwana benu bonke, imbewu yonke yakwaEfrayim.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 7