Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 6:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Sabani, nyana bakaBhenjamin, niphume phakathi kweYerusalem, naseTekowa, nivuthele isigodlo, niphakamise into iphakame phezu kweBhetehakerem; ngokuba ububi buyalunguza, buvela entla, nembubhiso enkulu.

2. Umntwana omhle, umteketiswa, intombi enguZiyon, ndiyayitshabalalisa.

3. Beza kuyo abalusi nemihlambi yabo, bagxumeka kuyo iintente zabo ngeenxa zonke; badla elowo endaweni yakhe.

4. Yingcwaliseleni imfazwe; sukani nime, sinyuke emini enkulu. Athi ke thina! Imini iza kusangana, ngokuba amathunzi okuhlwa ayoluka.

5. Sukani nime, sinyuke ebusuku, sizitshabalalise iingxande zayo ezinde.

6. Ngokuba utshilo uYehova wemikhosi ukuthi, Yigawuleni imithi yayo, niyifumbele iYerusalem udonga lokungqinga; wona mzi wokuvelelwa, wonke uphela, unocudiso phakathi kwawo.

7. Njengoko iqula liwampompozisayo amanzi alo, yénjenjalo ukumpompozisa izinto zayo ezimbi. Ukugonyamela nokubhuqa kuvakala kuyo; kuhleli kukho phambi kobuso bam isifo nesibetho.

8. Yáleka, Yerusalem, hleze umphefumlo wam uziqhawule kuwe; hleze ndikwenze kube senkangala kuwe, ube lilizwe elingamiweyo.

9. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Baya kuwabhikica bawabhikice amasalela amaSirayeli, njengomdiliya; sibuyisele isandla sakho emagatyeni, njengomvuni weediliya.

10. Ndiya kuthetha koobani na, ndiqononondise, beve? Yabona, àyaluswanga indlebe yabo, àbanako ke ukubaza indlebe. Yabona, ilizwi likaYehova libe liyingcikivo kubo, àbalinanzile.

11. Ndizele bubushushu bukaYehova; ndidiniwe kubububamba. Bùphalazéle phezu komntwana esitratweni, naphezu kwembutho yamadodana kunye; ngokuba indoda kwanomfazi baya kubanjwa, amadoda amakhulu kwanabazele yimihla.

12. Ziya kugqithela kubambi izindlu zabo, amasimi nabafazi kunye; ngokuba isandla sam ndisolula phezu kwabemi belizwe; utsho uYehova.

13. Kuthabathela kwabancinane kwesa kwabakhulu, bonke bephela babawa bebawile; kuthabathela kumprofeti kwesa kumbingeleli, bonke bephela benza ngobuxoki.

14. Bákuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Luxolo, luxolo; kungekho luxolo.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 6