Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 52:5-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wangqingwa ke umzi, kwada kwaba ngumnyaka weshumi elinamnye wokumkani uZedekiya.

6. Ngosuku lwesithoba lwenyanga yesiné, yaqina indlala phakathi komzi, ababa nasonka abantu belizwe.

7. Wagqojozwa umzi; asaba onke amadoda okulwa, aphuma phakathi komzi ebusuku ngendlela yesango eliphakathi kweendonga zombini, elisemyezweni wokumkani (aye ke amaKaledi ewujikelezile umzi); ahamba ngendlela yaseArabha.

8. Impi yamaKaledi yamsukela ukumkani, yamfumana uZedekiya ezinkqantosini zaseYeriko; yonke impi yakhe yamphalala, yemka kuye.

9. Ambamba ukumkani, anyuka naye, amsa kukumkani waseBhabheli eRibhela ezweni leHamati; wawathetha apho amatyala akhe.

10. Ukumkani waseBhabheli wabasikela oonyana bakaZedekiya emehlweni akhe; nabathetheli bonke bakwaYuda wabasikela eRibhela.

11. Wamtyhaphaza amehlo uZedekiya, wamkhonkxa ngamakhamandela obhedu; ukumkani waseBhabheli wamsa eBhabheli, wamfaka entolongweni kwada kwayimini yokufa kwakhe.

12. Ngenyanga yesihlanu, ngosuku lweshumi enyangeni leyo (lo mnyaka ke ngoweshumi elineminyaka esithoba kakumkani uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli), wangena eYerusalem uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, owema phambi kokumkani waseBhabheli.

13. Wayitshisa indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nezindlu zonke zaseYerusalem; izindlu zonke zezikhulu wazitshisa ngomlilo.

14. Iindonga zonke zaseYerusalem ngeenxa zonke yazidiliza yonke impi yamaKaledi, ebinomthetheli wabasiki.

15. Kwizisweli zabantu, namasalela abantu ababesele phakathi komzi, namaphamba awaphambelayo kukumkani waseBhabheli, namasalela engxokolo, wawafudusa uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki.

16. Ke uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, wasalisa kwizisweli zelizwe, ukuze zibe ngabasebenzi bemidiliya nabalimi.

17. Iintsika zobhedu ezibe zisendlwini kaYehova, neenqwelwana, nolwandle lobhedu obelusendlwini kaYehova, ezo zinto aziqhekeza amaKaledi, aluthwalela eBhabheli lonke ubhedu lwazo.

18. Athabatha neembiza, nemihlakulwana, nezitshetshe, nezitya zokutshiza, neenkamba, neempahla zonke zobhedu ebekulungiselelwa ngazo.

19. Umthetheli wabasiki wathabatha izidendeleko, neengcedevu, nezitya zokutshisa, neembiza, neziphatho zezibane, neenkamba, namathunga, igolide kwezegolide, isilivere kwezesilivere.

20. Neentsika zombini, ulwandle olunye, neenkomo ezilishumi elinambini zobhedu ezibe ziphantsi kwalo, neenqwelwana awazenzela indlu kaYehova uSolomon ukumkani, alwaba nakulinganiswa ubhedu lwezo mpahla zonke.

21. Neentsika ezo, ukuphakama kwenye intsika kube kuziikubhite* ezilishumi elinesibhozo; umtya oziikubhite ezilishumi elinambini ubuyithandela, nezinyuko zayo beziyiminwe eminé; ibiholoholo.

22. Ingqukuva yayo ibiyeyobhedu, ukuphakama kwengqukuva bekuziikubhite ezintlanu; umnatha neerharnate bezisengqukuveni ngeenxa zonke; yonke loo nto yabe ilubhedu. Intsika yesibini yabe ikwanjalo, kunye neerharnate.

23. Iirharnate bezingamashumi asithoba anantandathu, zibheke emoyeni; iirharnate zonke bezilikhulu phezu komnatha ngeenxa zonke.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 52