Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 52:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem; igama lonina belinguHamutali, intombi kaYeremiya waseLibhena.

2. Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uYehoyakim.

3. Ngokuba ngenxa yomsindo kaYehova kwenzeka oko eYerusalem nakwaYuda, wada wabalahla ebusweni bakhe.UZedekiya wamana egwilika kukumkani waseBhabheli.

4. Kwathi ngomnyaka wesithoba wobukumkani bakhe, ngenyanga yeshumi, ngosuku lweshumi enyangeni leyo, wayifikela iYerusalem uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, yena nempi yakhe yonke, wayirhawula, wayakhela inqaba yokubonisela ngeenxa zonke.

5. Wangqingwa ke umzi, kwada kwaba ngumnyaka weshumi elinamnye wokumkani uZedekiya.

6. Ngosuku lwesithoba lwenyanga yesiné, yaqina indlala phakathi komzi, ababa nasonka abantu belizwe.

7. Wagqojozwa umzi; asaba onke amadoda okulwa, aphuma phakathi komzi ebusuku ngendlela yesango eliphakathi kweendonga zombini, elisemyezweni wokumkani (aye ke amaKaledi ewujikelezile umzi); ahamba ngendlela yaseArabha.

8. Impi yamaKaledi yamsukela ukumkani, yamfumana uZedekiya ezinkqantosini zaseYeriko; yonke impi yakhe yamphalala, yemka kuye.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 52