Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 51:60-64 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

60. UYeremiya wabubhala encwadini bonke ububi obuya kuyifikela iBhabheli, onke la mazwi abhaliweyo ngeBhabheli.

61. Wathi ke uYeremiya kuSeraya, Wakufika eBhabheli, khangela onke la mazwi, uwalese.

62. Uze uthi, Yehova, wena uthethile ngale ndawo ukuyinqumla, ingàmiwa, kuthabathele kumntu kuse nakwinkomo; ke yona iya kuba ngamanxuwa angunaphakade.

63. Kothi, wakugqiba ukuyilesa le ncwadi, ubophe ilitye kuyo, uyinzulumbele esazulwini somEfrati;

64. uthi, Iya kwenjenje iBhabheli ukuthi xumbu kwayo, ingaphumi, ngenxa yobubi endiya kuyizisela bona, batyhafe.Azé ema apha amazwi kaYeremiya.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 51