Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 51:55-63 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

55. Ngokuba uYehova uyayibhuqa iBhabheli, alitshabalalise kuyo izwi elikhulu; aguguma amaza ayo njengamanzi amaninzi, kuvakala ingxolo yesandi sawo.

56. Ngokuba umbhuqi uya kuyifikela iBhabheli, athinjwe amagorha ayo, ziqhawuke izaphetha zayo; ngokuba nguThixo wembuyekezo uYehova, uya kuvùza evuzile.

57. Ndiyabanxilisa abathetheli bayo nezilumko zayo, amabamba ayo neerhuluneli zayo, namagorha ayo; aya kulala ubuthongo obungunaphakade, angavuki: utsho uKumkani, ogama lakhe linguYehova wemikhosi.

58. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Iindonga ezibanzi zeBhabheli ziya kunqikwa kube kanye, amasango ayo aphakamileyo atshiswe ngomlilo; izizwe zizixhamlele okulambathayo, neentlanga zizixhamlele umlilo, zityhafe ke.

59. Ilizwi awathi uYeremiya umprofeti wamwisela umthetho ngalo uSeraya, unyana kaNeriya, unyana kaMaseya, ekuyeni kwakhe noZedekiya ukumkani wakwaYuda eBhabheli, ngomnyaka wesiné wobukumkani bakhe; uSeraya lo engumtshayeleli.

60. UYeremiya wabubhala encwadini bonke ububi obuya kuyifikela iBhabheli, onke la mazwi abhaliweyo ngeBhabheli.

61. Wathi ke uYeremiya kuSeraya, Wakufika eBhabheli, khangela onke la mazwi, uwalese.

62. Uze uthi, Yehova, wena uthethile ngale ndawo ukuyinqumla, ingàmiwa, kuthabathele kumntu kuse nakwinkomo; ke yona iya kuba ngamanxuwa angunaphakade.

63. Kothi, wakugqiba ukuyilesa le ncwadi, ubophe ilitye kuyo, uyinzulumbele esazulwini somEfrati;

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 51