Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 51:35-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. Ukugonyamelwa kwam nenyama yam makube phezu kweBhabheli, makatsho ummi waseZiyon; igazi lam malibe phezu kwabemi belamaKaledi, mayitsho iYerusalem.

36. Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyalithetha ityala lakho, ndiphindezèle impindezelo yakho, ndilutshise ulwandle lwayo, ndilomise ithende layo;

37. iBhabheli iya kuba ngumwewe, isikhundla seempungutye, ummangaliso nomsondlo, ingabi nammi.

38. Bonke bephela bangábharhula njengeengonyama ezintsha, bangávungama njengamathole engonyamakazi.

39. Kanti ke ebushushwini babo ndiya kubenzela umgidi wabo, ndibanxilise, ukuze badlamke, balale ubuthongo obungunaphakade, bangavuki; utsho uYehova.

40. Ndiya kubathobela ekuxhelweni njengamatakane, njengeenkunzi zeegusha nezeebhokhwe.

41. Hayi, ukuthinjwa kweSheshaki, ukubanjwa kweqhayiya lehlabathi lonke! Hayi, ukwenziwa ummangaliso kweBhabheli phakathi kweentlanga!

42. Ulwandle lunyukile, lwayizela iBhabheli; igutyungelwe kukuguguma kwamaza alo.

43. Imizi yayo yaba ngamanxuwa, yaba lilizwe lomqwebedu nenkqantosi, lilizwe elingamiwe mntu, ekungadluli nyana womntu kulo.

44. Ndiya kumvelela uBhele* eBhabheli, ndikurhole emlonyeni wakhe akuginyileyo; zingabi sasinga kuye iintlanga; nodonga lweBhabheli luya kuwa.

45. Phumani phakathi kwayo, bantu bam; sizani elowo umphefumlo wakhe, ngenxa yokuvutha komsindo kaYehova;

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 51