Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 51:33-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Intombi eyiBhabheli injengesandá ngexesha lokugangathwa kwaso; kusaya kuba ngumzuzwana, lifike ixesha lokuvuna kuyo.

34. Wasibhubhisa thina, wasincinitha uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, wasibeka saba sisitya esizé; wasiginya njengengwenya, wahluthisa isisu sakhe ngokudla kwethu okumnandi, wasigxotha.

35. Ukugonyamelwa kwam nenyama yam makube phezu kweBhabheli, makatsho ummi waseZiyon; igazi lam malibe phezu kwabemi belamaKaledi, mayitsho iYerusalem.

36. Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyalithetha ityala lakho, ndiphindezèle impindezelo yakho, ndilutshise ulwandle lwayo, ndilomise ithende layo;

37. iBhabheli iya kuba ngumwewe, isikhundla seempungutye, ummangaliso nomsondlo, ingabi nammi.

38. Bonke bephela bangábharhula njengeengonyama ezintsha, bangávungama njengamathole engonyamakazi.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 51