Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 51:14-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. UYehova wemikhosi ufunge umphefumlo wakhe, esithi, Noko ndikuzalisileyo ngabantu, banga ziinkumbi ezinqunquthayo, kuya kususelwa ngawe ukwenziwa amayeyeye.

15. Ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe, ngulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe, waneka izulu ngengqondo yakhe.

16. Kwakubon' ukuba kukho isithonga sokwenza kwakhe ingxolo yamanzi ezulwini, unyusa amafu esiphelweni sehlabathi; imvula uyenzela imibane, arhole umoya koovimba bakhe.

17. Uba sisityhakala wonke umntu engenakwazi, udaniswa wonke umnyibilikisi wegolide, ngenxa yomfanekiso oqingqiweyo; ngokuba umfanekiso wakhe otyhidiweyo bubuxoki, awunamoya.

18. Zingamampunge ezo zinto, sisenzo sokugxekwa; ngexesha lokuvelelwa kwazo ziya kutshabalala.

19. Àkanjalo yena uSahlulelo sikaYakobi; ngokuba nguMbumbi wezinto zonke yena, nowesizwe selifa lakhe yena; nguYehova wemikhosi, igama lakhe.

20. Wena ùsisixengxe sam, usisikrweqe sam sokulwa. Ndiya kuzihlekeza ngawe iintlanga, ndizonakalise ngawe izikumkani;

21. Ndihlekèze ngawe ihashe nomkhweli walo; ndihlekeze inqwelo yokulwa nomkhweli wayo;

22. ndihlekeze ngawe indoda nomfazi, ndihlekeze ngawe indoda enkulu nomfana, ndihlekeze ngawe amadodana nomthinjana;

23. ndihlekeze ngawe umalusi nomhlambi wakhe; ndihlekeze ngawe umlimi nesipani sakhe; ndihlekeze ngawe amabamba neerhuluneli.

24. Ndobuyekekeza kwiBhabheli, nakubeni bonke belamaKaledi, bonke ububi babo, ababenzé kwiZiyon emehlweni enu; utsho uYehova.

25. Yabona, ndikuchasile, ntaba yokonakalisa, utsho uYehova, elonakalisileyo lonke ihlabathi; ndiya kolula isandla sam phezu kwakho, ndikuqèngqe uhle ezingxondorheni, ndikwenze intaba etshisiweyo;

26. kungàthatyathwa litye lambombo kuwe, nalitye laziseko; ke uya kwenziwa kube senkangala ngonaphakade; utsho uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 51