1. Utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndixhoxhela iBhabheli, nabahleli ngaphakathi kwabasukela phezulu kum, umoya womonakalisi.
2. Ndiya kuthumela eBhabheli abasemzini, abaya kuyela; balithi qongqololo ilizwe layo; ngokuba boyifikela ngeenxa zonke ngemini yobubi.