Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 50:5-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Baya kubuza iZiyon, babheke khona, besithi, Yizani, nithelele kuYehova ngomnqophiso ongunaphakade ongayi kulityalwa.

6. Abantu bam bába ngumhlambi weegusha ezilahlekileyo; abalusi babo babandwendwisela ezintabeni eziphambanisayo, behamba besuka entabeni, baye endulini, bayilibale indawo yabo yokubutha kwabo.

7. Bonke ababafumanáyo babadla; ababandezeli babo bathi, Asinatyala, ngethuba lokuba bonile kuYehova, ikriwa lobulungisa, ithemba loyise, uYehova.

8. Balekani, niphume phakathi kweBhabheli; mabaphume ezweni lamaKaledi, babe njengeenkunzi zeebhokhwe ezikhokela umhlambi.

9. Ngokuba, yabonani, ndixhoxha, ndinyuse, ndise eBhabheli isikhungu seentlanga ezinkulu, ziphuma ezweni lasentla, ziyakhéle uluhlu. Iya kuthinjwa apho, iintolo zaso zibe njengezegorha eliligcisa, elingabuyi lilambatha.

10. Loba lixhoba elamaKaledi; bonke abalithimbayo baya kuhlútha; utsho uYehova.

11. Nàkuba nivuya njalo, nàkuba nidlamkile, baphangi belifa lam, nàkuba nidloba njengethokazi elibhulayo, nilila njengeembalasane zamahashe:

12. úya kudana kakhulu unyoko; úya kuba neentloni onizalayo. Yabonani, olokugqibela ezintlangeni luya kuba yintlango, umqwebedu, inkqantosi.

13. Ngenxa yoburhalarhume bukaYehova ayisayi kumiwa; kuya kuba senkangala kuyo yonke iphela. Bonke abadlulayo eBhabheli baya kumangaliswa, benze umsondlo ngenxa yokubethwa kwayo konke.

14. Yakheleni uluhlu iBhabheli ngeenxa zonke, nonke batyedi besaphetha; tolani kuyo, ningashiyi lutolo; ngokuba yonile kuYehova.

15. Dumani ngayo ngeenxa zonke; iziníkele; ziwile iingqoqo zayo, zidilikile iindonga zayo; ngokuba yimpindezelo kaYehova. Phindezelani kuyo; njengokwenza kwayo, yenzani kuyo.

16. Nqumlani umhlwayeli eBhabheli, nophethe irhengqa ngexesha lokuvuna. Ngenxa yekrele elidlavulayo elowo ubheka ebantwini bakowabo, elowo usabela ezweni lakowabo.

17. Úyigusha elusali uSirayeli; ubhejethwe ziingonyama. Ngukumkani waseAsiriya owaqala wamdla; ngoku, owokugqibela umqobi wamathambo akhe nguNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 50