Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 50:37-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Ikrele maliwafikele amahashe ayo, neenqwelo zayo zokulwa, nomxukuxela wonke ophakathi kwayo, babe ngabafazi; ikrele malibufikele ubuncwane bayo, ukuba buphangwe.

38. Ukubálela makuwafikele amanzi ayo, ukuba atshe.Ngokuba lilizwe lemifanekiso eqingqiweyo; bazigezisé ngezinto ezothusayo.

39. Ngako oko kuya kuhlala khona amarhamncwa omqwebedu neempungutye, kuhlale iinciniba khona, lingabi samiwa naphakade, lingabi sahlalwa izizukulwana ngezizukulwana.

40. Njengoko wayibhukuqayo uThixo iSodom neGomora, nemimelwane yayo, utsho uYehova, akuyi kuhlala bani khona, akuyi kuphambukela nyana womntu khona.

41. Yabonani, kuza abantu, bevela entla, uhlanga ke olukhulu; nookumkani abaninzi bayaxhoxhwa, bevela eziphelweni zehlabathi.

42. Baphethe isaphetha nenkcula, bazizijorha, àbanamfesane; ilizwi labo liguguma njengolwandle, bakhwéle emahasheni, bekuxhobele njengendoda yokulwa, ntombi iyiBhabheli.

43. Úvé iindaba zabo ukumkani waseBhabheli, zasuka zawa izandla zakhe; imbandezelo imbambile, uyazibhijabhija njengozalayo.

44. Yabonani, utshaba luya kunyuka njengengonyama, luphume ekweneni kweYordan, luye ekhayeni eliyingxondorha; ngokuba ndiya kumgxotha ngephanyazo kulo, osukuba enyulwe, ndimenzele umveleli walo; ngokuba ngubani na onjengam? ngubani na oya kundimema? ngubani na loo malusi uya kuma phambi kwam?

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 50