Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 50:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ilizwi awalithethayo uYehova ngokusingisele kwiBhabheli, ngokusingisele kwilizwe lamaKaledi, ngoYeremiya umprofeti, lalisithi:

2. Xelani ezintlangeni, nivakalise, niphakamise ibhanile.* Vakalisani, musani ukufihla; yithini, Ithinjiwe iBhabheli, uhlazekile uBhele,* uqhiphuke umbilini uMerodaki,* zihlazekile izithixo zabo, ziqhiphuke umbilini izigodo zabo.

3. Ngokuba kunyuke kweza kubo uhlanga lwasentla, oluya kwenza ilizwe labo kube senkangala, lingabi nammi, kuthabathele emntwini kuse ezinkomeni, kubalekwe kumkiwe.

4. Ngaloo mihla nangelo xesha, utsho uYehova, baya kuza oonyana bakaSirayeli kunye noonyana bakaYuda, behamba belila, baye bamquqele uYehova uThixo wabo.

5. Baya kubuza iZiyon, babheke khona, besithi, Yizani, nithelele kuYehova ngomnqophiso ongunaphakade ongayi kulityalwa.

6. Abantu bam bába ngumhlambi weegusha ezilahlekileyo; abalusi babo babandwendwisela ezintabeni eziphambanisayo, behamba besuka entabeni, baye endulini, bayilibale indawo yabo yokubutha kwabo.

7. Bonke ababafumanáyo babadla; ababandezeli babo bathi, Asinatyala, ngethuba lokuba bonile kuYehova, ikriwa lobulungisa, ithemba loyise, uYehova.

8. Balekani, niphume phakathi kweBhabheli; mabaphume ezweni lamaKaledi, babe njengeenkunzi zeebhokhwe ezikhokela umhlambi.

9. Ngokuba, yabonani, ndixhoxha, ndinyuse, ndise eBhabheli isikhungu seentlanga ezinkulu, ziphuma ezweni lasentla, ziyakhéle uluhlu. Iya kuthinjwa apho, iintolo zaso zibe njengezegorha eliligcisa, elingabuyi lilambatha.

10. Loba lixhoba elamaKaledi; bonke abalithimbayo baya kuhlútha; utsho uYehova.

11. Nàkuba nivuya njalo, nàkuba nidlamkile, baphangi belifa lam, nàkuba nidloba njengethokazi elibhulayo, nilila njengeembalasane zamahashe:

12. úya kudana kakhulu unyoko; úya kuba neentloni onizalayo. Yabonani, olokugqibela ezintlangeni luya kuba yintlango, umqwebedu, inkqantosi.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 50