Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 5:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Zityhutyheni izitrato zaseYerusalem; khanikhangele, nazi, nifune ezindaweni zayo zembutho, ukuba nomfumana na umntu, ukuba ukho na umntu owenza ngokusesikweni, ofuna ukunyanisa: ndoyixolela.

2. Nokuba bathi, Ehleli nje uYehova, boba bafunga bexoka.

3. Yehova, amehlo akho àkajonge ekunyaniseni, yini na? Ùyababetha, abevi ntlungu; ùyabagqibela kuphele, abavumi ukuthethiswa; babenza ngwanyalala ubuso babo ngaphezu kwengxondorha, àbavumi ukubuya.

4. Ndathi mna, Zizisweli zodwa zona, zimathile; ngokuba abayazi indlela kaYehova, nesiko loThixo wabo.

5. Ndokha ndiye kwabakhulu, ndithethe nabo; ngokuba bayayazi bona indlela kaYehova, isiko loThixo wabo; ke bona bayaphúle kunye idyokhwe, baziqhawula izitropu.

6. Ngenxa yoko iyababulala ingonyama yasehlathini, iyabadlavula ingcuka yasezinkqantosini, ingwe ilalela imizi yabo; bonke abo baphuma kuyo bayaqwengwa; ngokuba luninzi ukreqo lwabo, kuninzi ukuphamba kwabo.

7. Ndothini na ukukuxolela? Oonyana bakho bandishiyile, bafunga abangethixo; ndabafungisa, ke bakrexeza, bathi ngunga endlwini yamahenyukazi.

8. Bayazíbela njengeenkunzi zamahashe ezityetyisiweyo, elowo ukhonyela umfazi wommelwane wakhe.

9. Mandingàveleli na ke ngenxa yezo zinto? utsho uYehova; ungàphindezeli na ke umphefumlo wam, kuhlanga olunje?

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 5