Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 49:5-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Yabona, ndiya kukuzisela unkwantyo, itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, luphuma kwabangeenxa zonke kuwe; nigxòthwe, elowo angabheki nokubheka, kungabikho ungàbabuthayo abaphalaphalayo.

6. Emveni koko ndiya kukubuyisa ukuthinjwa koonyana baka-Amon; utsho uYehova.

7. Ngokusingisele kuEdom, utsho uYehova wemikhosi ukuthi:Akusekho bulumko na kwaTeman? Liphelile na icebo kwiingqondi? Buphalele na ubulumko bazo?

8. Sabani, jikani, hlalani enkolontyweni, bemi bakwaDedan; ngokuba ukusindeka kwakhe uEsawu ndimzisele, ixesha lokumvelela kwam.

9. Ukuba abavuni beediliya bakufikele, abayi kushiya lubhikico; ukuba amasela eza ebusuku, aya konakalisa ade anele.

10. Ngokuba mna ndimhlubile uEsawu, ndizityhilile iindawo zakhe ezisitheleyo, angabi nako ukuzímela. Imbewu yakhe iya kubhuqwa, abazalwana bakhe nabamelwane bakhe àbakho.

11. Shiya iinkedama zakho; ndiya kuziphilisa, bakholòse ngam abahlolokazi bakho.

12. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Yabona, ababengenalungelo lakuyisela indebe, inene baya kuyisela; wena ke ùngoya kuba msulwa, ube msulwa na? Akuyi kuba msulwa, ngokuba inene uya kusela.

13. Ngokuba ndizifungile mna, utsho uYehova, ndathi, IBhotsera iya kuba ngummangaliso, nesingcikivo, nenxuwa, nentshabhiso; nemizi yayo yonke ibe ngamanxuwa angunaphakade.

14. Ndivé udaba luphuma kuYehova, kuthunywe isigidimi ezintlangeni sokuthi, Zihlanganiseni, nimfikele, nisuke nilwe.

15. Ngokuba, uyabona, ndikwenzé wamncinane ezintlangeni, wadeleka phakathi kwezizwe.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 49