Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 49:30-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Sabani, balekani kakhulu, hlalani enkolontyweni, bemi baseHatsore, utsho uYehova; ngokuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli ecebe icebo ngani, wacinga ingcinga ngani.

31. Sukani nime, nyukani niye kuhlanga oluchulumachileyo, oluhleli lukholosile, utsho uYehova; uhlanga olungenazingcango namivalo, oluhleli lodwa.

32. Iinkamela zabo maziphangwe, ingxokolo yemfuyo yabo ibe ngamaxhoba, ndibachithachithe kwimimoya yonke onquthula-iinwele, ndibazisele ukusindeka, kuphuma kumacala onke; utsho uYehova.

33. IHatsore iya kuba sisikhundla seempungutye, kube senkangala kude kuse ephakadeni. Akuyi kuhlala bani khona, kungaphambukeli nyana womntu khona.

34. Into eyafikayo kuYeremiya umprofeti, ililizwi likaYehova ngokusingisele kwelakwaElam ekuqaleni kobukumkani bukaZedekiya ukumkani wakwaYuda, yayisithi:

35. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndiyasaphula isaphetha sakwaElam, intlahlela yobugorha babo;

36. ndiya kulizisela elakwaElam imimoya eminé ephuma eziphelweni eziné zezulu, ndibachithachithe kuloo mimoya yonke, kungabikho luhlanga bangayi kufika kulo abaziindlodlo zakwaElam.

37. Ndomqhiphukisa umbilini uElam phambi kweentshaba zakhe, naphambi kwabafuna imiphefumlo yabo; ndibazisele ububi, ukuvutha komsindo wam; utsho uYehova. Ndothuma emva kwabo ikrele, ndide ndibagqibe,

38. Ndiya kumisa itrone yam kwaElam, ndimtshabalalise khona ukumkani nabathetheli; utsho uYehova.

39. Kuya kuthi ke ekupheleni kwemihla, ndikubuyise ukuthinjwa kukaElam; utsho uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 49