Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 49:27-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Ndiya kuphemba umlilo eludongeni lweDamasko, udle iingxande ezinde zikaBhen-hadade.

28. Ngokusingisele kumaKedare, nakwizikumkani zaseHatsore, awazibulalayo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, utsho uYehova ukuthi:Sukani nime, nyukani niye kumaKedare, nibabhuqe abasempumalanga.

29. Iintente zabo nemihlambi yabo boyithabatha; namalengalenga abo, neempahla zabo zonke, neenkamela zabo, bozisusa zibe zezabo; bamemeze kubo, bathi, Kukunxunguphala ngeenxa zonke.

30. Sabani, balekani kakhulu, hlalani enkolontyweni, bemi baseHatsore, utsho uYehova; ngokuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli ecebe icebo ngani, wacinga ingcinga ngani.

31. Sukani nime, nyukani niye kuhlanga oluchulumachileyo, oluhleli lukholosile, utsho uYehova; uhlanga olungenazingcango namivalo, oluhleli lodwa.

32. Iinkamela zabo maziphangwe, ingxokolo yemfuyo yabo ibe ngamaxhoba, ndibachithachithe kwimimoya yonke onquthula-iinwele, ndibazisele ukusindeka, kuphuma kumacala onke; utsho uYehova.

33. IHatsore iya kuba sisikhundla seempungutye, kube senkangala kude kuse ephakadeni. Akuyi kuhlala bani khona, kungaphambukeli nyana womntu khona.

34. Into eyafikayo kuYeremiya umprofeti, ililizwi likaYehova ngokusingisele kwelakwaElam ekuqaleni kobukumkani bukaZedekiya ukumkani wakwaYuda, yayisithi:

35. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndiyasaphula isaphetha sakwaElam, intlahlela yobugorha babo;

36. ndiya kulizisela elakwaElam imimoya eminé ephuma eziphelweni eziné zezulu, ndibachithachithe kuloo mimoya yonke, kungabikho luhlanga bangayi kufika kulo abaziindlodlo zakwaElam.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 49