Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 46:12-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Iintlanga zikuvile ukucukucezwa kwakho, ukukhala kwakho kwazalisa ihlabathi; ngokuba igorha likhubeka egorheni, omabini awa ndaweni-nye.

13. Ilizwi awalithethayo uYehova kuYeremiya umprofeti, ngokuza kukaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ukuba alixabele ilizwe laseYiputa, lalisithi:

14. Xelani eYiputa, nivakalise eMigidoli, nivakalise eNofu naseTapanesi; yithini, Misa, xhoba; ngokuba ikrele liya kudla ngeenxa zonke kuwe.

15. Yini na ukuba ziqwelwe iimbalasane zakho? Azimanga, ngokuba uYehova uzingqulile.

16. Ukhubekisa abaninzi, ewe, omnye uwela omnye; bathi, Sukani, masibuyele ebantwini bakowethu, ezweni esazalelwa kulo, ngenxa yekrele elidlavulayo.

17. Bádanduluka khona, bathi, UFaro ukumkani weYiputa utshabile; ulidlulisile ixesha elimisiweyo.

18-19. Ndihleli nje, utsho ukumkani, ogama lakhe linguYehova wemikhosi, ukuthi, Inene, úya kuza énjengeTabhore phakathi kweentaba, énjengeKarmele ngaselwandle. Zénzele iimpahla zemfuduka, mmi, ntombi iyiYiputa; ngokuba iNofu iya kuba linxuwa, itshiswe, ingabi nammi.

20. IYiputa lithokazi elihle kakhulu; isibawu sasentla siyeza, siyeza.

21. Kanjalo imikhosi yayo eqeshiweyo phakathi kwayo injengamathole asesitalini; inene, nayo leyo ijikile, iyasaba kunye, ayimi; ngokuba úyifikele umhla wokusindeka kwayo, ixesha lokuvelelwa kwayo.

22. Isandi sayo sinjengokuhamba kwenyoka; ngokuba bahamba ngobukroti, bayifìkele ngezixengxe njengabagawuli bemithi.

23. Bagawula ihlathi layo, utsho uYehova, nokuba lithe shinyi; ngokuba baninzi ngaphezu kweenkumbi, àbanakubalwa.

24. Intombi eyiYiputa ihlazekile, inikelwe esandleni sabantu belasentla.

25. Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, Yabona, ndiyamvelela uAmon waseNo, noFaro, neYiputa, noothixo bayo, nobukumkani bayo, kwauFaro nabakholose ngaye.

26. Ndobanikela esandleni sabafuna umphefumlo wabo, esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, nasesandleni sabakhonzi bakhe; emveni koko imìwe njengokwemihla yamandulo; utsho uYehova.

27. Ke wena musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi; ungaqhiphuki umbilini, Sirayeli; ngokuba, ùyabona, ndiya kukusindisa kwakude, nembewu yakho ezweni ethinjelwe kulo, abuye uYakobi, azole, onwabe, angagubhi.

28. Musa ukoyika, wena mkhonzi wam Yakobi, utsho uYehova; ngokuba ndinawe; ngokuba ndiya kuzigqibela kuphele iintlanga zonke endikugxothele kuzo. Ke wena andiyi kukugqibela kuphele; ndokuthethisa ngokusesikweni; andiyi kuthi umsulwa.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 46